11. UDavide akasindisanga ndoda namfazi, ungamsayo eGati, ngokuthi, Hleze basixele, bathi, Wenjenje uDavide. Lalinjalo ke isiko lakhe yonke imihla abehleli ezweni lamaFilisti.
12. UAkishe wakholwa nguDavide, wathi, Úgqibile ukuzinukisa ebantwini bakowabo kwaSirayeli; wóba ngumkhonzi wam ke ngonaphakade.