1 Usamuweli 20:22-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ke ukuba ndithe kwindodana leyo, Nanzo iintolo zingaphaya kwakho: hamba, ngokuba uYehova woba ukundulule.

23. Ke ilizwi eliyá silithethileyo mna nawe, yabona, uYehova uphakathi kwam nawe kude kuse ephakadeni.

24. Wazímela ke uDavide ezindle. Yathwasa inyanga; wahlala ukumkani esidlweni ukuba adle.

25. Wahlala ukumkani esihlalweni sakhe njengezinye izihlandlo, esihlalweni saseludongeni. Wesuka wema uYonatan. Wahlala uAbhinere ecaleni likaSawule, yayodwa indawo kaDavide.

26. Akathetha nto uSawule ngaloo mini; ngokuba ebesithi, Uhlelwe yinto; àkahlambulukile, inene, akahlambulukile.

27. Kwathi ngengomso, iselithwasile nenyanga ngosuku lwesibini, ayaba namntu indawo kaDavide. Wathi uSawule kuYonatan, unyana wakhe, Yini na ukuba angezi kudla unyana kaYese nayizolo nanamhla?

1 Usamuweli 20