1 Usamuweli 2:12-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ke kaloku oonyana bakaEli babengamatshijolo, bengamazi uYehova.

13. Kwanesilùnga sababingeleli esiphuma ebantwini, akubon' ukuba umntu ubingelela umbingelelo, kwaza kweza umfana wakwambingeleli, xa iphekiweyo inyama, enefolokhwe emazinyo mathathu esandleni sakhe,

14. wahlaba nokuba kuselukhambeni, nokuba kuseketileni, nokuba kukungxawu, nokuba kusembizeni: ibisithi yonke into ephume nefolokhwe azithabathele umbingeleli kwangayo. Benjenjalo kumaSirayeli onke abesiza eShilo apho.

1 Usamuweli 2