1 Usamuweli 17:52-56 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

52. Asuka amadoda akwaSirayeli nawakwaYuda, aduma, awasukela amaFilisti kwada kwayiwa emfuleni, kwesa emasangweni ase-Ekron. Awa amaFilisti angxwelerhiweyo endleleni yaseShaharayim, kwesa naseGati, kwesa nase-Ekron.

53. Babuya oonyana bakaSirayeli ekuwasukeleni ngokushushu amaFilisti, baziphanga iintente zawo.

54. UDavide wayithabatha intloko yomFilisti, wayisa eYerusalem; impahla yakhe wayibeka ententeni yakhe.

55. Xa uSawule ebembona uDavide, ephuma esiya kumhlangabeza umFilisti, wathi kuAbhinere, umthetheli-mkhosi, Wa, Abhinere, ngunyana kabani na lo mfana? Wathi uAbhinere, Uhleli nje umphefumlo wakho, kumkani, andazi.

56. Wathi ukumkani, Buza ukuba ingunyana kabani na le ndodana.

1 Usamuweli 17