1 Usamuweli 16:21-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Weza uDavide kuSawule, wema phambi kwakhe; wamthanda kakhulu, waba ngumphathi weentonga zakhe.

22. Wathumela uSawule kuYese, esithi, Makeme phambi kwam uDavide; kuba úbabalwe ndim.

23. Kwathi, wakufika umoya ombi kaThixo kuSawule, uDavide wathabatha uhadi, wabetha ngesandla sakhe; kwee qabu kuSawule, kwalunga kuye, wemka kuye umoya ombi.

1 Usamuweli 16