33. Wathi uSamuweli, Njengokuba ikrele lakho labahluthayo abafazi abantwana babo, úya kwenjiwa njalo unyoko phakathi kwabafazi, ukuhluthwa abantwana. USamuweli wamxhaxha uAgagi phambi koYehova eGiligali.
34. Waya uSamuweli eRama; uSawule wenyuka waya endlwini yakhe eGibheha yakwaSawule.
35. USamuweli akabuyanga abonane noSawule, kwada kwayimini yokufa kwakhe; kuba uSamuweli wamlilela uSawule.Wazohlwaya uYehova ngenxa yokuba ebemenze uSawule ukumkani kwaSirayeli.