24. Wathi uSawule kuSamuweli, Ndonile; ngokuba ndigqithile emthethweni kaYehova naselizwini lakho; kuba bendisoyika abantu, ndaphulaphula izwi labo.
25. Khawusixolele ngoko isono sam; buya nam, ndiye ndimnqule uYehova.
26. Wathi uSamuweli kuSawule, Andiyi kubuya nawe; ngokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye uYehova ukucekisile, ukuba ungabi kumkani kumaSirayeli.
27. Wathi akuthi guququ uSamuweli ukuba emke, wabamba isondo lengubo yakhe yokwaleka, lakrazuka.
28. Wathi uSamuweli kuye, UYehova ukukrazule kuwe namhla ubukumkani bakwaSirayeli, wabunika ummelwane wakho olungileyo kunawe.
29. Kananjalo uQele-likaSirayeli akaxoki, akazohlwayi; ngokuba akangumntu ukuba azohlwaye.