1 Ookumkani 6:30-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Umgangatho wendlu wawaleka ngegolide ngapha nangapha.

31. Umnyango wendawo yezihlabo wawenzela iingcango ngeminquma; ulungqu lwemigubasi belusisahlulo sesihlanu sodonga.

32. Iingcango zombini bezizezomnquma; wazikrola ngemikrolo yeekerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, wazaleka ngegolide; eyihambisa igolide phezu kweekerubhi namasundu.

33. Wenjenje ukuwenzela umnyango webhotwe imigubasi ngeminquma, esisahlulo sesiné sodonga.

34. Iingcango zombini wazenza ngemisipres; amaphiko omabini olunye ucango aba ngajingayo, amaphiko omabini olwesibini ucango aba ngajingayo.

1 Ookumkani 6