7. Kwathi, akuweva uHiram amazwi kaSolomon, wavuya kunene, wathi, Makabongwe uYehova namhla, omnikileyo uDavide unyana olumkileyo, wokubaphatha aba bantu baninzi kangaka.
8. Wathumela uHiram kuSolomon, esithi, Ndikuvile oko undithumele khona; ndokwenza konke ukuthanda kwakho mna ngemisedare nangemisipres.*
9. Abakhonzi bam boyihlisa eLebhanon, bayise elwandle; ndiyihlanganise ndiyidadise elwandle, ndiyise kuloo ndawo wondimisela yona, ndiyikhulule khona, uyithabathe khona; ke wena wenze ukuthanda kwam, ngokuyinika ukudla indlu yam.
10. Waye ke uHiram emnika uSolomon imisedare nemisipres ngangokuthanda kwakhe konke.
11. USolomon wamnika uHiram amashumi amabini amawaka eekore* zengqolowa, ukuba idle indlu yakhe; namashumi omabini eekore zeoli engqushiweyo; wenjenjalo ke uSolomon ukumnika uHiram iminyaka ngeminyaka.
12. UYehova wamnika ubulumko uSolomon, njengoko wayekuthethile kuye; lwaba luxolo phakathi koHiram noSolomon: benza umnqophiso bobabini.
13. Ukumkani uSolomon wahlahla abafakwa uviko kumaSirayeli onke; abo bafakwa uviko babengamashumi omathathu amawaka amadoda.
14. Wabathuma eLebhanon, ishumi lamawaka ngenyanga, bekhululana; inyanga enye babe seLebhanon, iinyanga ezimbini babe sekhaya; ke uAdoniram ubephethe abo bafakwa uviko.
15. USolomon ebenamashumi asixhenxe amawaka athwala imithwalo, namashumi osibhozo amawaka abeqingqa amatye ezintabeni;
16. bebodwa abathetheli abangabongameli bakaSolomon, ababewuphethe umsebenzi, bengamawaka amathathu anamakhulu mathathu, ababenobukhosi ebantwini ababewusebenza loo msebenzi.