1 Ookumkani 4:3-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. ngooElihorefe noAhiya, oonyana bakaShisha, ababhali; nguYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu;

4. nguBhenaya, unyana kaYehoyada, obephethe umkhosi; ngooTsadoki noAbhiyatare ababingeleli;

5. nguAzariya, unyana kaNatan, obephethe abongameli; nguZabhudi, unyana kaNatan, umbingeleli, obengumhlobo wokumkani;

6. nguAhishare obephethe indlu; nguAdoniram unyana ka-Abheda, obephethe abafakwa uviko.

7. USolomon ubenabongameli abalishumi elinababini phezu kwamaSirayeli onke, ababemxhasa ukumkani nendlu yakhe: elowo ubexhasa ngenyanga yakhe ngomnyaka.

8. Ngawo ke la amagama abo: nguBhen-hure, wakweleentaba lakwaEfrayim;

9. nguBhen-dekere eMakatse, naseShahalebhim, naseBhete-shemeshe, nase-Elon-bhete-hanan;

10. nguBhen-hesede eArubhoti; yayikuye iSoko, nelizwe lonke lakwaHefere;

11. nguBhen-abhinadabhi ezindulini zonke zaseDore: uTafati intombi kaSolomon ibingumkakhe;

12. nguBhahana unyana ka-Ahiludi eTahanaki naseMegido, naseBhete-shehan yonke esecaleni laseTsaretan, ezantsi kweYizereli, kwathabathela eBhete-shehan, kwesa eAbhele-mehola, kwesa elé kowakwaYokemeham;

13. nguBhen-gebhere eRamoti yaseGiliyadi, enamagxamesi akwaYahire unyana kaManase aseGiliyadi, enommandla waseArgobhi oseBhashan: amashumi amathandathu emizi emikhulu eneendonga nemivalo yobhedu;

14. nguAhinadabhi unyana kaIdo, eMahanayim;

15. nguAhimahatse kwaNafetali: yena kananjalo wazeka uBhasemati, intombi kaSolomon, yangumkakhe;

16. nguBhahana unyana kaHushayi, kwa-Ashere naseAloti;

17. nguYehoshafati unyana kaParuwa, kwaIsakare;

18. nguShimehi unyana kaEla, kwaBhenjamin;

19. nguBebhere unyana kaUri, elizweni laseGiliyadi, ezweni lakwaSihon ukumkani wama-Amori, nelakwaOgi ukumkani waseBhashan; ekuphela komongameli obekwelo zwe.

20. AmaYuda namaSirayeli ebemaninzi, enjengentlabathi engaselwandle ukuba maninzi, esidla, esela, evuya.

21. USolomon ubelawula ezikumkanini zonke, ethabathela kuwo uMlambo,* naselizweni lamaFilisti, wesa nasemdeni weYiputa, zizisa iminikelo, zimkhonza uSolomon yonke imihla yobomi bakhe.

22. Ke ukudla kukaSolomon kwamininye bekungamashumi omathathu eekore* zomgubo ocoliweyo, namashumi omathandathu eekore zomgubo,

23. ishumi leenkomo ezityetyisiweyo, namashumi omabini eenkomo zasemadlelweni, nekhulu lempahla emfutshane, ewodwa amaxhama, namabhadi, namanqa, neenkuku ezityetyisiweyo.

1 Ookumkani 4