1 Ookumkani 20:26-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Kwathi, ekuveleni komnyaka, wawabala uBhen-hadade ama-Aram, wenyuka waya kulwa namaSirayeli eAfeki.

27. Babalwa oonyana bakaSirayeli, baxhotyiswa baya kubahlangabeza. Bamisa oonyana bakaSirayeli phambi kwabo, benjengemihlanjana emibini yeebhokhwe; ama-Aram alizalisa ilizwe.

28. Wafika umfo wakwaThixo, wathi kukumkani wamaSirayeli, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba ethe ama-Aram, Nguthixo wasezintabeni uYehova, akanguthixo wasezintilini, ndiya kuyinikela esandleni sakho yonke le ngxokolo ingaka, nazi ukuba ndinguYehova.

29. Yamisa ke, ikhangelene, imihla esixhenxe. Kwathi ngomhla wesixhenxe, yadibana. Oonyana bakaSirayeli babulala kuma-Aram ikhulu lamawaka kumqikela ngamini-nye.

30. Aseleyo asabela eAfeki, ela phakathi komzi. Kwawa udonga phezu kwamawaka angamashumi amabini anamawaka asixhenxe amadoda aseleyo.Wasaba uBhen-hadade, wangena kuloo mzi, wathungela amagumbi.

31. Bathi kuye abakhonzi bakhe, Khawukhangele, sivile ukuba ookumkani bendlu yakwaSirayeli ngookumkani abanenceba. Makhe sibeke iingubo ezirhwexayo emanqeni, neentambo ezintlokweni zethu, siphume siye kukumkani wamaSirayeli; mhlawumbi wowusindisa umphefumlo wakho.

32. Babhinqa ke iingubo ezirhwexayo emanqeni, babeka iintambo ezintlokweni zabo, baya kukumkani wakwaSirayeli, bathi, Umkhonzi wakho uBhen-hadade uthi, Khawusindise umphefumlo wam. Wathi yena, Usaphilile na?

33. Ngumzalwana wam. Loo madoda ke athi lithamsanqa, angxamisa ukumrhwebesha, ukuba elo lelakhe na, athi, Ngumzalwana wakho uBhen-hadade. Wathi yena, Yiyani kumthabatha. Waphuma uBhen-hadade weza kuye; wamkhwelisa enqwelweni.

34. Wathi uBhen-hadade, kuye, Imizi awayithabathayo ubawo kuyihlo ndiya kuyibuyisa; uzenzele izitrato eDamasko, njengoko wazenzayo ubawo kwaSamari. Wathi uAhabhi, Ndiya kukundulula nalo mnqophiso. Wamenzela ke umnqophiso, wamndulula.

1 Ookumkani 20