1 Ookumkani 18:44-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

44. Kwathi ke ngesesixhenxe, yathi, Ndibona ilifana elingangesandla somntu, liphuma elwandle. Wathi, Nyuka uye uthi kuAhabhi, Bopha, uhle, ingakuvingceli imvula.

45. Kwathi ke kwakamsinya lasuka izulu lamnyama ngamafu nomoya; kwabakho imvula enkulu. Wakhwela uAhabhi, waya eYizereli.

46. Safika ke isandla sikaYehova kuEliya; wazibhinqisa, wagidima phambi koAhabhi, kwada kwaba sekungeneni eYizereli.

1 Ookumkani 18