1 Ookumkani 14:29-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Ezinye izinto zikaRehabheham, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?

30. Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla.

31. URehabheham walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi. UAbhiyam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.

1 Ookumkani 14