1 Ookumkani 13:32-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Ngokuba, inene, liya kwenzeka ilizwi, alinkqangazileyo ngelizwi likaYehova esibingelelweni esiseBheteli, nasezindlwini zonke zasezigangeni, ezisemizini yakwaSamari.

33. Emva koko uYarobheham akabuyanga endleleni yakhe embi; wabuya wenza ababingeleli bezigánga eluntwini lonke; wathi athe wamthanda, wammisela, waba ngowababingeleli bezigánga.

34. Yathi loo nto yaba sisono sendlu kaYarobheham, ukuba itshone itshabalale, ingabikho phezu komhlaba.

1 Ookumkani 13