30. Wasibeka isidumbu engcwabeni lakhe, bammbambazelela besithi, Yoo! Mzalwana wam!
31. Kwathi, emveni kokumngcwaba kwabo, wathetha koonyana bakhe, esithi, Ndákufa, ndingcwabeleni engcwabeni angcwatyelwe kulò umfo wakwaThixo; walaliseni ngasemathanjeni akhe amathambo am.
32. Ngokuba, inene, liya kwenzeka ilizwi, alinkqangazileyo ngelizwi likaYehova esibingelelweni esiseBheteli, nasezindlwini zonke zasezigangeni, ezisemizini yakwaSamari.