13. Wathi koonyana bakhe, Ndibopheleni iesile. Bambophela ke iesile, wakhwela kulo.
14. Walandela umfo wakwaThixo, wamfumana ehleli phantsi komterebhinti,* wathi kuye, Ùnguye na umfo wakwaThixo lo ubevela kwaYuda? Wathi yena, Ndinguye.
15. Wathi kuye, Hamba siye ekhaya, udle isonka.
16. Wathi yena, Andinakubuya nawe; andinakungena nawe; andiyi kudla sonka, andiyi kusela manzi nawe kule ndawo;
17. kuba kuthiwe kum lilizwi likaYehova, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi khona, ungabuyi uhambe ngendlela obuze ngayo.
18. Wathi kuye, Ndingumprofeti nam njengawe; kuthethe isithunywa sezulu kum ngelizwi likaYehova, sisithi, Mbuyise, eze nawe endlwini yakho, adle isonka, asele amanzi.
19. Watsho emxokisa. Wabuya ke naye, wadla isonka endlwini yakhe, wasela amanzi.