1 Kwabasetesalonika 5:14-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Siyanivuselela ke, bazalwana, balulekeni abanxaxhayo; bakhuzeni abamxhelo mncinane; basekeleni abathambileyo; yibani nokuzeka kade umsindo kubantu bonke.

15. Lumkani, kungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi nakubani; hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye, nakubantu bonke.

16. Hlalani nivuya.

17. Thandazani ningayeki.

18. Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani.

19. UMoya musani ukumcima.

20. Iziprofeto musani ukuzenza into engento.

21. Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle.

22. Khumkani kuzo zonke iintlobo zenkohlakalo.

1 Kwabasetesalonika 5