9. Ke kaloku, ngalo uthando lobuzalwana, akufuneki ukuba ndinibhalele; kuba nina ngokwenu ningabafundiswe nguThixo ukuba nithandane;
10. kuba okunene niyakwenza oko kubo bonke abazalwana abakwelaseMakedoni liphela. Siyanivuselela ke, bazalwana, ukuba nikhule kuko oko ngakumbi;
11. nokuba nizondelele ukuba nizole, nenze ezenu izinto, nisebenze ngezenu izandla, njengoko saniyalayo;
12. ukuze nihambe ngokuzibekileyo ngakwabo bangaphandle, ningasweli nto.
13. Ke kaloku andithandi ukuba ningazi, bazalwana, mayela nabalele ukufa, ukuze ningabi buhlungu njengabanye abangenathemba bona.