1 Kwabasetesalonika 2:4-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Sithi, njengoko sicikidiweyo nguThixo, ukuba siphathiswe iindaba ezilungileyo, senjenjalo ukuthetha; singangi sikholisa abantu, kuba sikholisa uThixo ozicikidayo iintliziyo zethu.

5. Kuba kananjalo, njengoko naziyo, asizanga sibe nantetho yakucengacenga, namkhusane wakubawa, uThixo ulingqina;

6. singafuni nokufuna luzuko bantwini, nokuba kukuni, nokuba kukwabanye; nakuba besinokuba ngumthwalo ngokwabapostile* bakaKristu.

7. Thina ke sisuke sathantamisa phakathi kwenu njengomdlezana osukuba ebagcinile abakhe abantwana;

8. ngokunjalo sinilangazelela nje, kwakholeka kuthi ukuba singaneli kunábela iindaba ezilungileyo zikaThixo nje kodwa, sinabéle nobomi bethu, ngenxa enokuba naba ziintánda kuthi.

9. Kuba niyakukhumbula, bazalwana, ukubulaleka kwethu nemigu yethu; kuba sazivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi mthwalo nakubani kuni.

10. Ningamangqina nina kwanoThixo, ukuba saba njani na ukuba ngcwele, nokuba nobulungisa, nokungabi nakusoleka kuni bakholwayo;

11. kwanjengoko naziyo nonke ngabanye, ukuba besixelisa uyise kubantwana bakhe,

12. siniyala, sinikhuza, siniqononondisa, ukuba nihambe ngokumfaneleyo uThixo, onibizelayo kobakhe ubukumkani nobuqaqawuli.

1 Kwabasetesalonika 2