8. Ndizithetha ngokomntu yini na ezo zinto? Awuthethi kwaezo zinto nawo na umthetho?
9. Emthethweni kaMoses kubhaliwe kwathiwa, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula. Ziinkomo yini na into ayikhathaleleyo uThixo?
10. Kanene akatsho ngenxa yethu na? Kakade kwabhalwa ngenxa yethu; ngokuba lowo ulimayo ufanele ukulima ethembile; lowo ubhulayo ufanele ukubhula enethemba lokuyaba loo nto athembe yona.
11. Ukuba ke thina sanihlwayelela izinto ezizezoMoya, yinto enkulu na, ukuba siya kuvuna izinto zenu ezizezenyama?
12. Ukuba abanye babelana ngokwenza ngeli gunya kuni, asikukhona singénjenjalo na thina ngakumbi? Asilisebenzisanga ke elo gunya; sisuka sithwale izinto zonke, ukuze singazibambezeli nganà iindaba ezilungileyo zikaKristu.