1. Ke kaloku, ngeendawo zamadini enziwa kwizithixo, ndithi, Siyazi ukuba sinokwazi sonke. Ukwazi oku kuyakhukhumalisa, ke lona uthando luyakha.
2. Ukuba ke umntu uba wazi nto, akakazi nento ngoko amelwe kukwazi ngako.
3. Ukuba ke umntu uyamthanda uThixo, lowo uyaziwa nguye.
4. Ngako ke ukudliwa kwamadini enziwa kwizithixo, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi ukuba mnye kwaphela uThixo, akukho wumbi.
5. Kuba kambe, nokuba kukho ekuthiwa bangoothixo, nokuba kusezulwini, nokuba kuphezu komhlaba (kwanjengokuba kukho oothixo abaninzi, neenkosi ezininzi), kuthi thina mnye uThixo,