1 Kwabasekorinte 6:5-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Nditsho ukuze nidane. Kude akwabakho noko sisinye na isilumko phakathi kwenu, esingaba nako ukulamla phakathi kwabo abazalwana?

6. Usuka umzalwana amangalelane nomzalwana, athi noko akwènze phambi kwabangakholiweyo.

7. Seninciphile ke kanye ngokokuthi nimangalelane. Yini na ukuba ningàthi kanye nivume ukoniwa? Yini na ukuba ningàthi kanye nivume ukulunyukiswa?

8. Nisuka nina none abanye, nilumkise, nako oko nibe nikwenza kubazalwana.

9. Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo, namasela, namabawa,

10. namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.

11. Nayé ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu.

12. Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke. Zonke izinto zivumelekile kum, noko asindim oya kubekwa phantsi kwagunya lelayiphi;

1 Kwabasekorinte 6