1 Kwabasekorinte 6:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Nayé ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu.

12. Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke. Zonke izinto zivumelekile kum, noko asindim oya kubekwa phantsi kwagunya lelayiphi;

13. izidlo zezesisu, nesisu sesezidlo; kodwa uThixo uya kubhangisa kokubini, sona nazo. Ke wona umzimba asingowombulo, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba.

14. UThixo ke wayivusa iNkosi leyo; uya kusivusa nathi ngamandla akhe.

15. Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu kaKristu? Ndiya kuthi na ke, ndiwathabathe amalungu kaKristu lowo, ndiwenze amalungu ehenyukazi?

1 Kwabasekorinte 6