2. Ke kaloku ke, kufuneka kuwo amagosa, ukuba ulowo kuwo afumaneke ethembekile.
3. Kum ke yeyona nto incinanana, ukuba ndincinwe nini, nayimini yamatyala yabantu; ke andizincini nam ngokwam,
4. kuba andizazeleli nto; noko andigwetyelwe koko; ondincinayo ke yiNkosi.
5. Ngoko ke, musani ukugweba nto phambi kwelona xesha, ide ifike iNkosi, eya kuthi izikhanyise nokuzikhanyisa izinto ezifihlakeleyo zobumnyama, iwabonakalalise amacebo entliziyo; andule ke ulowo nalowo abe nodumo oluvela kuThixo.
6. Ezi zinto ke, bazalwana, ndizilinganisele ngam noApolo, ngenxa yenu; ukuze nifunde kuthi aba, ukuba ningazicingeli ngaphezu koko kubhaliweyo, ukuze kungabikho namnye uzikhukhumalisa ngakomnye ngenxa yomnye.