1 Kwabasekorinte 4:16-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Ndiyaniyala ngoko, yibani ngabaxelisa mna.

17. Ngenxa yoko ndinithumele uTimoti, ongumntwana wam oyintánda, othembekileyo, waseNkosini, oya kunikhumbuza iindlela zam ezikuKristu, njengoko ndifundisayo ezindaweni zonke, kuwo onke amabandla.

18. Ke kaloku inxenye ithe yakhukhumala, ngathi andiyi kuza kuni.

19. Ndiya kuza ke kuni kamsinya, ukuba iNkosi ithe yavuma, ukuze ndinganeli kukwazi ukuthetha kwabakhukhumeleyo, ndazi amandla abo.

20. Kuba ubukumkani bukaThixo abusekuthetheni, busemandleni.

1 Kwabasekorinte 4