1 Kwabasekorinte 4:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Makenjenjalo ke umntu ukucinga ngathi, athi singabakhonzi bakaKristu, athi singamagosa eemfihlelo zikaThixo.

2. Ke kaloku ke, kufuneka kuwo amagosa, ukuba ulowo kuwo afumaneke ethembekile.

3. Kum ke yeyona nto incinanana, ukuba ndincinwe nini, nayimini yamatyala yabantu; ke andizincini nam ngokwam,

4. kuba andizazeleli nto; noko andigwetyelwe koko; ondincinayo ke yiNkosi.

1 Kwabasekorinte 4