1 Kwabasekorinte 15:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Kuba ndaninikela kweziyintloko izinto oko ndakwamkelayo nokukwamkela: okokuba uKristu wazifela izono zethu ngokwezibhalo,

4. nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo;

5. nokokuba wabonwa nguKefas, emva koko ngabalishumi elinababini.

6. Emveni koko wabonwa ngaxesha linye ngabazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu, abasahleliyo nangoku abona baninzi kubo; inxenye ke yalala ukufa.

7. Emva koko wabonwa nguYakobi, kamva ngabo bonke abapostile.*

8. Ekugqibeleni ke kwabo bonke, kwanga kukwinto ezelwe lingekabi lilixa layo, wabonwa nandim.

9. Kuba mna ndingoyena mncinanana kubapostile, endingafanele kubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa enokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo.

1 Kwabasekorinte 15