3. Kuba ndaninikela kweziyintloko izinto oko ndakwamkelayo nokukwamkela: okokuba uKristu wazifela izono zethu ngokwezibhalo,
4. nokokuba wangcwatywa, nokokuba uvukile ngomhla wesithathu ngokwezibhalo;
5. nokokuba wabonwa nguKefas, emva koko ngabalishumi elinababini.
6. Emveni koko wabonwa ngaxesha linye ngabazalwana abangaphezu kwamakhulu amahlanu, abasahleliyo nangoku abona baninzi kubo; inxenye ke yalala ukufa.
7. Emva koko wabonwa nguYakobi, kamva ngabo bonke abapostile.*
8. Ekugqibeleni ke kwabo bonke, kwanga kukwinto ezelwe lingekabi lilixa layo, wabonwa nandim.
9. Kuba mna ndingoyena mncinanana kubapostile, endingafanele kubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa enokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo.