1 Kwabasekorinte 15:29-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Okanye baya kwenza ntoni na abo babhaptizelwa abafileyo, ukuba abafileyo àbaze bavuke? Yini na ukuba babhaptizelwe nokubhaptizelwa abafileyo?

30. Nathi, yini na ukuba sibe semngciphekweni amaxa onke?

31. Ndisekufeni imihla ngemihla; qondani ngokuzingca kwam ngani, endinako ndikuKristu Yesu, iNkosi yethu.

32. Ukuba ndithe ngokwabantu ndalwa namarhamncwa e-Efese, kundinceda ntoni na? Ukuba abafileyo abavuki, masesisidla, sisela, kuba ngomso siya kufa.

33. Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo.

34. Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane.

35. Wósuka ubani athi, Bathini na ukuvuka abafileyo? Beza benamzimba unjani na?

36. Msweli-kuqonda wena, into oyihlwayelayo ayenziwa iphile, ukuba ayikhanga ife.

37. Kanjalo loo nto uyihlwayelayo, akuhlwayeli sona isiqu sento esiya kubakho; uhlwayela ukhozo nje, lungáthi lube lolwengqolowa, nokuba lolwezinye iintlobo;

38. uThixo ke ulunika isiqu, njengoko athandileyo; iyileyo imbewu uyinika esisesayo isiqu.

1 Kwabasekorinte 15