29. Abaprofeti ke, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, abanye bacalule.
30. Ukuba ke kuthe watyhilelwa into omnye ehleli khona, owokuqala makathi cwaka.
31. Kuba ninako ukuprofeta ngabanye nonke, ukuze bafunde bonke, bavuselelwe bonke.
32. Kanjalo oomoya babaprofeti bayabalulamela abaprofeti;
33. kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele.
34. Abafazi benu mabathi tu emabandleni; kuba àbavunyelwa bona ukuba bathethe. Kuthiwa mabalulame, njengokuba usitsho nomthetho.
35. Ukuba ke banga bangaqonda into, mabayibuze ekhaya kwawabo amadoda; kuba lihlazo kubafazi ukuthetha ebandleni.
36. Kanene ilizwi likaThixo laphuma livela kuni na? lafika kuni nedwa, kusini na?