3. Ndingafanelana ndisamkelisa amahlwempu ngempahla yam yonke, nokuba ndithe umzimba wam ndawunikela ukuba utshiswe, uthando ke ndingenalo, akundincedi lutho.
4. Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele; uthando alunamona; uthando alugwagwisi;
5. alukhukhumali; alwenzi okuziintloni; alufuni okukokwalo kodwa;
6. alucaphuki; alunanzondo; aluvuyeli kungalungisi; luvuyisana nenyaniso.
7. Luthwala iinto zonke; lukholwa ziinto zonke; luthemba iinto zonke; lunyamezela iinto zonke.
8. Uthando aluze lutshitshe; nokuba ke ziziprofeto, ziya kubhangiswa; nokuba ziilwimi, ziya kupheza; nokuba kukwazi, kuya kuphuthiswa.
9. Kuba siyazi ngokuyinxenye, siprofeta ngokuyinxenye.
10. Xa kuthe ke kwafika okuzalisekileyo, kuya kwandula ukuphuthiswa okuyinxenye.