1 Kwabasekorinte 13:3-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ndingafanelana ndisamkelisa amahlwempu ngempahla yam yonke, nokuba ndithe umzimba wam ndawunikela ukuba utshiswe, uthando ke ndingenalo, akundincedi lutho.

4. Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele; uthando alunamona; uthando alugwagwisi;

5. alukhukhumali; alwenzi okuziintloni; alufuni okukokwalo kodwa;

6. alucaphuki; alunanzondo; aluvuyeli kungalungisi; luvuyisana nenyaniso.

7. Luthwala iinto zonke; lukholwa ziinto zonke; luthemba iinto zonke; lunyamezela iinto zonke.

8. Uthando aluze lutshitshe; nokuba ke ziziprofeto, ziya kubhangiswa; nokuba ziilwimi, ziya kupheza; nokuba kukwazi, kuya kuphuthiswa.

9. Kuba siyazi ngokuyinxenye, siprofeta ngokuyinxenye.

10. Xa kuthe ke kwafika okuzalisekileyo, kuya kwandula ukuphuthiswa okuyinxenye.

1 Kwabasekorinte 13