1 Kwabasekorinte 1:2-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, abangcwaliselwe kuKristu Yesu, ababizwe ukuba babe ngcwele, kunye nabo bonke abalinqulayo igama leNkosi yethu uYesu Kristu ezindaweni zonke, ezabo kwanezethu:

3. uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.

4. Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam ngani, ngenxa yobabalo lukaThixo, awanibabala ngalo nikuKristu Yesu;

5. kuba natyetyiswa kuye ngezinto zonke, ngokuthetha konke, nangokwazi konke;

6. njengokuba ubungqina bukaKristu baqiniswayo kuni;

7. ngokokude ningasileli nakwesìnye isipho enisibabalweyo; nílindé kakhulu ukutyhileka kweNkosi yethu uYesu Kristu;

8. oya kuniqinisa nokuniqinisa ase ekupheleni, ukuze ningabi nakumangaleleka ngemini yeNkosi yethu uYesu Kristu.

1 Kwabasekorinte 1