1 Kutimoti 6:1-3 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Onke ke amakhoboka àphantsi kwedyokhwe, ndinga ke angababalela abaniniwo ekuthini, bafanelwe yimbeko yonke, ukuze igama likaThixo nemfundiso inganyeliswa.

2. Lawo ke ankosi zikholiweyo, makangazideli ngakuba zingabazalwana; makube kukhona azikhonzayo, ngokuba zingamakholwa, ziziintánda ezingamadlelana ngomsebenzi wokusiza. Bafundise ezi zinto, ubavuselele.

3. Ukuba umntu ufundisa mfundiso yimbi, angavumani namazwi aphilileyo angaweNkosi yethu uYesu Kristu, nemfundiso engokokuhlonela uThixo:

1 Kutimoti 6