1 Kutimoti 5:5-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Ke yena ongumhlolokazi ngenene, eshiywe yedwa, uthembela kuThixo; uhlala ehleli ekukhungeni nasemithandazweni ubusuku nemini.

6. Kodwa yena oxhamla iziyolo ufile, nakuba ngathi udla ubomi.

7. Bathethele ezi zinto, ukuze bangabi nakukhalazeleka.

8. Ukuba ke umntu akabakhathalele abakhe, ngokukodwa abendlu yakhe, ulukhanyele ukholo, unobubi ngaphezu kongakholwayo.

9. Makangabalelwa enanini labahlolokazi umhlolokazi ongaphantsi kweminyaka emashumi mathandathu; owayengumfazi wandoda-nye,

10. engqinelwe ngemisebenzi emihle, ukuba wondlé abantwana, ukuba wamkéle iindwendwe, ukuba uzihlambile iinyawo zabangcwele, ukuba ubasizile ababandezelweyo, ukuba usukelene nemisebenzi yonke elungileyo.

1 Kutimoti 5