1 Kutimoti 4:2-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. imka nohanahaniso lwabathetha ubuxoki, betshiswe isazela sabo ngentsimbi;

3. bengavumi ukuba kuzekwe, nokuba kudliwe izinto ezadalwa nguThixo, ukuze zamkelwe ngombulelo ngabo bakholwayo, bayaziyo inyaniso.

4. Ngokuba sonke isidalwa sikaThixo sihle; asiyonto yakulahlwa, ukuba samkelwe ngombulelo;

5. kuba singcwaliswa ngalo ilizwi likaThixo nangezibongozo.

6. Ukuba ùthe ezi zinto wazibeka phambi kwabazalwana, wòba ngumlungiseleli omhle kaYesu Kristu, wondliwe ngamazwi okholo, nawemfundiso entle oyilandelayo.

7. Ke zona iintsomi ezihlambelayo zamaxhegokazi zimangale.

8. Ziqhelise ukuhlonela uThixo. Kuba eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho.

9. Lithembekile ilizwi elo, lífanelwe kukwamkelwa konke.

1 Kutimoti 4