1 Kayohane 3:4-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Bonke abasenzayo isono benza okuchasene nomthetho; sona isono sikukuchasana nomthetho.

5. Niyazi ke ukuba yena wabonakaliswa, ukuze azithwale azisuse izono zethu; kananjalo akukho sono kuye.

6. Bonke abahlala kuye àboni; bonke abonáyo abambonanga, abamazanga nokumazi.

7. Bantwanana, makungabikho namnye unikhohlisayo; lowo ubenzayo ubulungisa lilungisa, njengokuba yena elilungisa.

1 Kayohane 3