20. Nina ninentambiso evela koyiNgcwele, niyazazi ke izinto zonke.
21. Andinibhalelanga ngakuba ningàyazi inyaniso; ndinibhalele ngokuba niyazi, nangokuba kungekho buxoki buphuma enyanisweni.
22. Ngubani na ixoki, ingenguye okhanyelayo ukuba uYesu unguye uKristu?* Lowo ungumchasi-Kristu, omkhanyelayo uYise noNyana.
23. Bonke abamkhanyelayo uNyana, àbanaye noYise.