1 Kapetros 2:17-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Bekani abantu bonke. Thandani isizalwana. UThixo moyikeni. Ukumkani mbekeni.

18. Nina zicaka, bathobeleni ninako konke ukoyika abanikhonzisayo, ingabi ngabalungileyo nabathantamisayo bodwa, ibe kwanabagwenxa.

19. Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa.

20. Kuba kuya kuba ludumo lunĂ­ na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyabuleleka kuThixo.

1 Kapetros 2