16. Ngenxa enokuba kubhaliwe kwathiwa, Yibani ngcwele, ngokuba ndingcwele mna.
17. Kanjalo, ukuba nimnqula ngokoYihlo, lowo ugweba ngokowalowo umsebenzi, engakhethi buso, lihlaleni ixesha lokuphambukela kwenu apha nizoyikela;
18. nisazi nje ukuba anihlawulelwanga nikhululwe ngazinto zinakonakala, oozisilivere noozigolide, kuyo ihambo yenu engento, enayinikelwayo ngooyihlo.
19. Kwakungegazi elinqabileyo likaKristu, njengelemvana engenasiphako, engenabala;
20. owaziwáyo ngenxa engaphambili okunene, ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, kodwa wabonakalaliswa ekugqibeleni kwamaxesha la ngenxa yenu, nina nikholwayo ngaye kuThixo,
21. owamvusayo kwabafileyo, wamzukisa, ngokokuze ukholo lwenu nethemba lenu libe kuThixo.