1 Izikronike 7:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Bonke abo babengoonyana bakaYedihayeli, ngokweentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, alishumi elinesixhenxe lamawaka, anamakhulu mabini, aphuma umkhosi aye kulwa.

12. OoShupim noHupim ngoonyana bakaIre; ooHushim ngoonyana baka-Ahere.

13. Oonyana bakaNafetali nguYatsiyeli, noGuni, noYetsere, noShalum, oonyana bakaBhiliha.

14. Oonyana bakaManase nguAsheriyeli, awamzalelwayo. Ishweshwe lakhe, umAramikazi, lazala uMakire, uyise kaGiliyadi.

15. UMakire wazeka udade booHupim noShupim; igama lodade wabo belinguMahaka; igama lowesibini belinguTselofehadi; ke uTselofehadi ubeneentombi.

1 Izikronike 7