1 Izikronike 5:1-2 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli (ngokuba ibinguye owamazibulo; ke ngokuwuhlambela kwakhe umandlalo kayise, ubuzibulo bakhe banikwa oonyana bakaYosefu unyana kaSirayeli, akaba nakubhalwa emilibeni yokuzalwa ukuba ngowamazibulo;

2. ngokuba uYuda waba ligorha phakathi kwabazalwana bakhe, yaphuma kuye ingànga; ke bona ubuzibulo bebubobukaYosefu):

1 Izikronike 5