1 Izikronike 4:6-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. UNahara wamzalela uAhuzam, noHefere, namaTemeni, namaHahashtari. Ngabo abo oonyana bakaNahara.

7. Oonyana bakaHela nguTserete, noYetsohare, noEtenan.

8. UKotsi wazala uAnubhi, noTsobhebha; nemizalwane ka-Aharele, unyana kaHarum.

9. Ke kaloku uYabhetse ebezukile kunabazalwana bakhe. Unina wamthiya igama lokuba nguYabhetse,* esithi, Ndimzele ngokubulaleka.

10. UYabhetse wamnqula uThixo wakwaSirayeli, wathi, Ngamana wandisikelela, wawandisa ummandla wam, isandla sakho saba nam, wandithintela ebubini, ukuze ndingabulaleki. UThixo wamenzela loo nto wayicelayo.

1 Izikronike 4