1 Izikronike 4:33-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

33. nemizana yonke ebeyiyiphahlile loo mizi, kwesa kwaBhahali. Zizo ezo iindawo zokuhlala kwabo, benokubhalelwa emilibeni yokuzalwa kwabo.

34. UMeshobhabhi, noYamleki, noYosha unyana ka-Amatsiya,

35. noYoweli, noYehu unyana kaYoshibhiya, unyana kaSeraya, unyana ka-Asiyeli,

36. noEliyohenayi, noYahakobha, noYeshohaya, noAsaya, noAdiyeli, noYesimiyeli, noBhenaya;

37. noZiza unyana kaShifi, unyana ka-Alon, unyana kaYedaya, unyana kaShimri, unyana kaShemaya:

38. abo bakhankanyiweyo ngamagama ababezizikhulu emizalwaneni yabo. Izindlu zooyise zanaba kunene.

39. Baya entshonalanga kweGedore, bezisa empumalanga komfula, beyifunela utyani impahla yabo emfutshane.

1 Izikronike 4