27. UShimehi ubenoonyana abalishumi elinabathandathu, neentombi ezintandathu; abazalwana bakhe ababanga nabantwana baninzi; wonke umzalwane wabo awandanga njengonyana bakaYuda.
28. Bahlala eBher-shebha, naseMolada, naseHatsare-shuwali,
29. naseBhileha, nase-Etsem, naseToladi,
30. naseBhetuweli, naseHorma, naseTsikelage, naseBhete-markabhoti,
31. naseHatsarsusim, naseBhete-bhiri, naseShaharayim. Yabiyiyo leyo imizi yabo, wada uDavide waba ngukumkani.
32. Nemizi yabo yiEtam neAyin, yiRimon neToken neAshan: izixeko ezihlanu;
33. nemizana yonke ebeyiyiphahlile loo mizi, kwesa kwaBhahali. Zizo ezo iindawo zokuhlala kwabo, benokubhalelwa emilibeni yokuzalwa kwabo.