1 Izikronike 4:27-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

27. UShimehi ubenoonyana abalishumi elinabathandathu, neentombi ezintandathu; abazalwana bakhe ababanga nabantwana baninzi; wonke umzalwane wabo awandanga njengonyana bakaYuda.

28. Bahlala eBher-shebha, naseMolada, naseHatsare-shuwali,

29. naseBhileha, nase-Etsem, naseToladi,

30. naseBhetuweli, naseHorma, naseTsikelage, naseBhete-markabhoti,

31. naseHatsarsusim, naseBhete-bhiri, naseShaharayim. Yabiyiyo leyo imizi yabo, wada uDavide waba ngukumkani.

32. Nemizi yabo yiEtam neAyin, yiRimon neToken neAshan: izixeko ezihlanu;

33. nemizana yonke ebeyiyiphahlile loo mizi, kwesa kwaBhahali. Zizo ezo iindawo zokuhlala kwabo, benokubhalelwa emilibeni yokuzalwa kwabo.

1 Izikronike 4