1 Izikronike 4:25-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. nguMibhesam unyana wakhe, nguMishma unyana wakhe.

26. Oonyana bakaMishma nguHamuweli unyana wakhe, nguZakure unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe.

27. UShimehi ubenoonyana abalishumi elinabathandathu, neentombi ezintandathu; abazalwana bakhe ababanga nabantwana baninzi; wonke umzalwane wabo awandanga njengonyana bakaYuda.

28. Bahlala eBher-shebha, naseMolada, naseHatsare-shuwali,

29. naseBhileha, nase-Etsem, naseToladi,

30. naseBhetuweli, naseHorma, naseTsikelage, naseBhete-markabhoti,

31. naseHatsarsusim, naseBhete-bhiri, naseShaharayim. Yabiyiyo leyo imizi yabo, wada uDavide waba ngukumkani.

32. Nemizi yabo yiEtam neAyin, yiRimon neToken neAshan: izixeko ezihlanu;

1 Izikronike 4