2. Bafa ooNadabhi noAbhihu phambi koyise, bengenanyana; baba ngababingeleli ooElazare noItamare.
3. Wabahlula uDavide: yanguTsadoki koonyana bakaElazare, yanguAhimeleki koonyana bakaItamare, ngodidi lwabo ekonzweni yabo.
4. Bafumaneka oonyana bakaElazare bebaninzi ngokweentloko zamagorha, ngaphezu koonyana bakaItamare. Babenjenje ukubahlula: koonyana bakaElazare, iintloko zezindlu zooyise zaba lishumi elinantandathu; koonyana bakaItamare, zasibhozo ngokwezindlu zooyise.
5. Babahlula ngamaqashiso, aba baba naba; ngokuba abaphathi bendawo engcwele nabaphathi bakaThixo bebengabakoonyana bakaElazare, naphakathi koonyana bakaItamare.
6. UShemaya unyana kaNataniyeli umbhali, wakubaLevi, wababhala phambi kokumkani, nabathetheli, noTsadoki umbingeleli, noAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, neentloko zezindlu zooyise kubabingeleli nakubaLevi; indlu yoyise inye iphuma noElazare, inye iphuma noItamare.
7. Laphuma iqashiso lokuqala noYoyaribhi,
8. elesibini noYidaya, elesithathu noHarim,
9. elesiné noSehorim, elesihlanu noMalekiya, elesithandathu noMiyamin,
10. elesixhenxe noHakotse, elesibhozo noAbhiya,
11. elesithoba noYeshuwa, eleshumi noShekaniya,
12. eleshumi elinanye noEliyashibhi, eleshumi elinesibini noYakim,
13. eleshumi elinesithathu noHupa, eleshumi elinesiné noYeshebhabhi,
14. eleshumi elinesihlanu noBhilega, eleshumi elinesithandathu noImere,
15. eleshumi elinesixhenxe noHezire, eleshumi elinesibhozo noApitsetse,
16. eleshumi elinesithoba noPetaya, elamashumi omabini noYehezekeli,
17. elamashumi omabini analinye noYakin, elamashumi omabini anesibini noGamuli,
18. elamashumi omabini anesithathu noDelaya, elamashumi omabini anesiné noMahazeya.
19. Lulo olo udidi lwabo, lwenkonzo yabo yokungena endlwini kaYehova, ngokwesiko labo elanikwa nguAron uyise, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli.