6. Ke abaLevi namaBhenjamin akawabalanga phakathi kwawo; ngokuba ilizwi lokumkani laye lilisikizi kuYowabhi.
7. Kwaba kubi emehlweni kaThixo ngenxa yale nto; wawohlwaya ke amaSirayeli.
8. Wathi uDavide kuThixo, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenzé ubudenge obukhulu.
9. Wathetha uYehova kuGadi, imboni kaDavide, esithi,
10. Yiya uthethe kuDavide, uthi, Útsho uYehova ukuthi, Ndikubekela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe.
11. Waya ke uGadi kuDavide, wathi kuye, Útsho uYehova ukuthi, Zityumbele;
12. nokuba yiminyaka emithathu yendlala; nokuba ziinyanga ezintathu ugxothwa ziintshaba zakho, nekrele leentshaba zakho likufikela; nokuba yimihla emithathu yekrele likaYehova, nendyikitya yokufa ezweni, isithunywa sikaYehova sisonakalisa emimandleni yonke yakwaSirayeli. Kaloku ke, yenza ilizwi endolibuyisela kondithumileyo.
13. Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene; masendisíwa esandleni sikaYehova, ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu.
14. UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli; kwawa amashumi asixhenxe amawaka amadoda kwaSirayeli.
15. UThixo wathuma isithunywa eYerusalem, ukuba siyitshabalalise. Sakubona ukuba siyatshabalalisa, wabona uYehova, wazohlwaya ngenxa yobubi obo; wathi kwisithunywa eso sitshabalalisayo, Kwanele, sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova sema esandéni sikaOrnan umYebhusi.