16. UDavide wawaphakamisa amehlo akhe, wabona isithunywa sikaYehova simi phakathi komhlaba nezulu, sithe rhuthu ikrele laso ngesandla, lolulelwe phezu kweYerusalem. UDavide namadoda amakhulu, bezigubungele ngeengubo ezirhwexayo, bawa phantsi ngobuso.
17. Wathi uDavide kuThixo, Asindim yini na othe mababalwe abantu? Yaba ndim ke owonileyo, ndenza ububi ukwenza oko; ke ezi zimvu zenzé ntoni na zona? Yehova Thixo wam, isandla sakho masifikele mna, nendlu kabawo, singàbi kubantu bakho, ukuba babulawe.
18. Sathi isithunywa sikaYehova kuGadi, Makatsho kuDavide, enyuke uDavide, amisele uYehova isibingelelo esandéni sikaOrnan umYebhusi.
19. Wenyuka uDavide ngelizwi likaGadi, awalithethayo egameni likaYehova.
20. Wathi guququ uOrnan, wasibona isithunywa; oonyana bakhe abané ababenaye bazimela; ke uOrnan wayebhula ingqolowa.
21. Xa uDavide wayesiza kuOrnan, uOrnan wabheka wabona uDavide, waphuma esandéni, waqubuda kuDavide, ebhekise ubuso bakhe emhlabeni.