1 Izikronike 16:24-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Balisani ezintlangeni zonke uzuko lwakhe,Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo.

25. Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene;Uyoyikeka ngaphezu koothixo bonke,

26. Ngokuba bonke oothixo bezizwe àbanto zanto;UYehova yena wenza amazulu.

27. Yindili nobungangamela phambi kwakhe,Ngamandla novuyo endaweni yakhe engcwele.

28. Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe,Mnikeni uYehova uzuko namandla.

29. Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe;Zisani umnikelo, nime phambi kwakhe;Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele.

30. Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi;Elimiweyo liya kuzinza ngoko, lingashukumi.

31. Malivuye izulu, ligcobe ihlabathi,Makuthiwe ezintlangeni, UYehova ngukumkani.

32. Malugqume ulwandle nokuzala kwalo;Malidlamke ilizwe, nento yonke ekulo,

33. Ize imemelele imithi yehlathi phambi koYehova;Ngokuba esiza kuligweba ihlabathi.

34. Bulelani kuYehova ngokuba elungile,Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

1 Izikronike 16