23. Vumani kuYehova, nonke hlabathi,Shumayelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe iimini ngeemini.
24. Balisani ezintlangeni zonke uzuko lwakhe,Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo.
25. Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene;Uyoyikeka ngaphezu koothixo bonke,
26. Ngokuba bonke oothixo bezizwe àbanto zanto;UYehova yena wenza amazulu.
27. Yindili nobungangamela phambi kwakhe,Ngamandla novuyo endaweni yakhe engcwele.
28. Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe,Mnikeni uYehova uzuko namandla.
29. Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe;Zisani umnikelo, nime phambi kwakhe;Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele.
30. Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi;Elimiweyo liya kuzinza ngoko, lingashukumi.
31. Malivuye izulu, ligcobe ihlabathi,Makuthiwe ezintlangeni, UYehova ngukumkani.
32. Malugqume ulwandle nokuzala kwalo;Malidlamke ilizwe, nento yonke ekulo,
33. Ize imemelele imithi yehlathi phambi koYehova;Ngokuba esiza kuligweba ihlabathi.