47. Wafa uHadadi; uSamla waseMasereka waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
48. Wafa uSamla; uSawule, waseRehobhoti yoMlambo,* waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
49. Wafa uSawule; uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
50. Wafa uBhahali-hanan; uHadadi waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiPahi; igama lomkakhe belinguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi.